5. URehobhowam uphendule wathi: “Khanihambe, ze nibuye nize apha kum emva kweentsuku ezintathu.” Bemka ke abantu.
6. Ke ukumkani uRehobhowam wathetha-thethana namadoda amakhulu awayebusa kuyise uSolomon ngexesha lokudla kwakhe ubomi, esithi: “Nicebisa ngelithini na nina, ukuze ndibaphendule aba bantu?”
7. Aphendula athi: “Ukuba uthe namhlanje waba njengesicaka kwaba bantu, wabakhonza, wathetha kakuhle nabo, baya kusoloko bezizicaka zakho.”
8. Kambe ke uRehobhowam walikhaba eli cebiso alinikwa ngamadoda amakhulu, waza wathetha-thethana nabafana abaziintanga zakhe ababembusa.
9. Wabuza kubo wathi: “Nindinika cebiso lini nina? Mandithini ukubaphendula aba bantu bathi: ‘Khawuyenze lula idyokhwe awayibeka phezu kwethu uyihlo’?”