1 Yeziganeko 9:9-12 Ibhayibhile (XHO96)

9. La madoda ke ayeziinkulu zezindlu zakowawo. Ewonke la maBhenjamin ayengamakhulu alithoba anamashumi amahlanu anantandathu.

10. Naba ababingeleli ababehlala eJerusalem: nguYedaya, uJoyaribhi, uJakin,

11. uAzariya kaHilekiya kaMeshulam kaZadoki kaMerayoti ka-Ahitubhi, owayeligosa elikhulu lendlu kaThixo,

12. uAdaya kaJehoram kaPashure kaMalekiya, noMasayi ka-Adiyeli kaYazera kaMeshulam kaMeshilemiti kaImere.

1 Yeziganeko 9