3. Bekukho abendlu kaJuda, nabendlu kaBhenjamin, nabendlu kaEfrayim nekaManase ababehlala eJerusalem.
4. Nazi iinkulu zabendlu kaJuda ababehlala eJerusalem: Kwinzala kaPereze, unyana kaJuda, inkulu ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani.
5. Kwindlu kaShela inkulu nguAsaya izibulo, noonyana bakhe.
6. Kwindlu kaZera inkulu nguJeweli. Bebonke abantu bendlu yakwaJuda babengamakhulu amathandathu anamashumi alithoba.
7. Nazi iinkulu zamaBhenjamin awayehlala eJerusalem: nguSalu kaMeshulam kaHodaviya kaHasenuwa;