1 Yeziganeko 4:23-26 Ibhayibhile (XHO96)

23. Babengababumbi bezinto zomdongwe. Babehlala nokumkani eNetayim naseGedera, bemsebenzela.

24. Naba oonyana bakaSimon: nguNemuweli, noJamin, noYaribhi, noZera, noShawule.

25. UShawule wazala uShalum, uShalum wazala uMibhesam, uMibhesam wazala uMishma.

26. Ke uMishma wazala uHamuweli, uHamuweli wazala uZakure, uZakure wazala uShimeyi.

1 Yeziganeko 4