12. UEshton wazala uBhete-rafa, noPaseha, noTehina, ukhokho weIre-nahashe. Yinzala yala madoda ke emi eReka.
13. Oonyana bakaKenazi nguOteniyeli noSeraya. UOteniyeli wazala uHatati [noMeyonotayi],
14. uMeyonotayi wazala uOfra. Ke uSeraya wazala uJowabhi, ukhokho weGeharashim, eyabizwa ngeli gama kuba abantu balapho babeziingcibi.
15. Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, nguIru, noEla, noNaham. Unyana kaEla nguKenazi.