1. Ukumkani uDavide wathetha nebandla likaSirayeli liphela, wathi: “Unyana wam uSolomon, lo unyulwe *nguNdikhoyo, noko uselula, yaye ke akanamava. Umsebenzi lo ke wona mkhulu, kuba eli bhotwekazi liza kwakhiwa asilamntu, koko lelikaNdikhoyo uThixo.
2. Mna ndenze unako-nako ndiqokelela izinto ezingamalungiselelo okwakha indlu kaThixo: oozigolide kumsebenzi oza kwenziwa ngegolide, isiliva kwizinto eziza kwenziwa ngesiliva, ubhedu kwizinto eziza kwenziwa ngobhedu, intsimbi kwizinto eziza kwenziwa ngentsimbi, kanti nomthi kwezomthi; namatye axabisekileyo okuhombisa: oozionike noomatekosi, amatye amibala-bala, nazo zonke iindidi zamatye axabisekileyo nemàbhula. Zonke ke ezi zinto zikho ngendlu yazo.