1 Yeziganeko 26:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. Oonyana bakaShemaya aba ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabona badume ngobukroti uElihu noSemakiya.

8. Ke kwinzala nezizalwana zikaObhedi-edom kwabakho amadoda angamashumi amathandathu anambini awaba ngabagcini-masango, yaye ayenobukroti kulo msebenzi.

9. Kwinzala nezizukulwana zikaMeshelemiya kwakukho amakroti alishumi elinesibhozo.

12. La maqela abagcini-masango aphantsi kweenkokheli zawo xa ewonke ayenesigxina sawo sokulungiselela endlwini *kaNdikhoyo.

13. Amaqela la ĂȘnza *amaqashiso kumsebenzi wamasango, kungekho ukhethe phakathi komncinci nomkhulu.

14. Iqashiso lokugada isango elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Unyana wakhe uZekariya, owayedume ngamacebo, naye wenzelwa *amaqashiso, laphuma kwelokuba agade isango langasentla.

15. Iqashiso likaObhedi-edom laba lelokugada isango langasezantsi, eloonyana bakhe laba lelokugada oovimba.

1 Yeziganeko 26