1 Yeziganeko 26:3-16 Ibhayibhile (XHO96)

3. uElam, uYohanan, noEliyehunayi.

6. Unyana kaObhedi-edom, uShemaya, wazala oonyana abaziinkokheli, nditsho amagorha anobukroti.

7. Oonyana bakaShemaya aba ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabona badume ngobukroti uElihu noSemakiya.

8. Ke kwinzala nezizalwana zikaObhedi-edom kwabakho amadoda angamashumi amathandathu anambini awaba ngabagcini-masango, yaye ayenobukroti kulo msebenzi.

9. Kwinzala nezizukulwana zikaMeshelemiya kwakukho amakroti alishumi elinesibhozo.

12. La maqela abagcini-masango aphantsi kweenkokheli zawo xa ewonke ayenesigxina sawo sokulungiselela endlwini *kaNdikhoyo.

13. Amaqela la ĂȘnza *amaqashiso kumsebenzi wamasango, kungekho ukhethe phakathi komncinci nomkhulu.

14. Iqashiso lokugada isango elingasempumalanga laphuma noShelemiya. Unyana wakhe uZekariya, owayedume ngamacebo, naye wenzelwa *amaqashiso, laphuma kwelokuba agade isango langasentla.

15. Iqashiso likaObhedi-edom laba lelokugada isango langasezantsi, eloonyana bakhe laba lelokugada oovimba.

16. ElooShupim noHosa iqashiso laba lelokugada isango elingasentshonalanga kunye nesango leShalekethe endleleni enyukayo. Abagadayo babengamaqela alandelanayo.

1 Yeziganeko 26