1 Yeziganeko 22:13-18 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ewe, uya kuba nempumelelo xa uthe wanenyameko wayinonophela imimiselo nemithetho leyo uNdikhoyo wayinikezela uSirayeli ngoMosis. Yomelela ukhaliphe; uze ungoyiki utyhafe!

14. “Amalungiselelo ndiwenze ngenyameko, ndilungiselela ukwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo. Ndiqokelele iitoni zegolide ezingaphezu kwamawaka amathathu anamakhulu amane, kunye neetoni zesiliva ezingaphezu kwamashumi amathathu anesine amawaka, ukuze kwakhiwe indlu leyo, kwakunye nentaphane yobhedu, kunye nentsimbi ebunzima bungenamlinganiselo, ngokunjalo nemithi namatye. Nawe ke ungazongeza ezo zinto.

15. Unabo baninzi abasebenzi, abaqingqi bamatye, iingcibi nabachweli, kunye namadoda angamachule kuzo zonke iindidi zomsebenzi.

16. Igolide nesiliva, ubhedu nentsimbi, ikho ingenamlinganiselo. Ngoko ke qalisa, uNdikhoyo abe nawe!”

17. Ngoko ke uDavide waziyalela zonke iinkokheli zakwaSirayeli ukuze zincedisane naye unyana wakhe uSolomon.

18. Wathi kuzo: “Andithi na kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unani? Ewe kambe, unithe jize ngenzolo ngeenxa zonke! Kaloku uzinikele esandleni sam zonke iintlanga ezingabemi beli lizwe. Eli lizwe ke ngoko lelikaNdikhoyo nabantu bakhe.

1 Yeziganeko 22