1 Yeziganeko 22:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uDavide wathi: “Iza kwakhiwa apha indlu *kaNdikhoyo uThixo kunye neqonga lamadini atshiswayo awenzelwa uSirayeli.”

2. Ngoko ke uDavide wayalela ukuba kuqokelelwe bonke abasemzini abemi apho kwaSirayeli, waza ke apho kubo wakhetha abangabaqingqi bamatye, ukuze bakrole amatye okwakha indlu kaThixo.

3. Wakhupha nento eninzi yentsimbi yokwenza izikhonkwane zeengcango zamasango nezokubethelela, kananjalo nobhedu olubunzima bungenamlinganiselo.

1 Yeziganeko 22