1. Ke kaloku uJowabhi waphuma nawo umkhosi wakowabo ngexesha lentlakohlaza, ithuba abadla ngokulwa iimfazwe ngalo ookumkani. Walibhuqa walivuthulula elama-Amon, waza waya kungqinga iRabha. Ke yena uDavide wayeshiyeke eJerusalem. NeRabha leyo wayihlasela uJowabhi, wayishiya ingamabhodlo.
2. UDavide wasothula isithsaba esasisentloko yokumkani wama-Amon. Sasibunzima bumalunga namashumi amathathu anantlanu eekhilogram, senziwe ngegolide, sihonjiswe ngamatye axabisekileyo. UDavide wasithweswa eso sithsaba. Wathatha amaxhoba amaninzi kweso sixeko,