1 Yeziganeko 18:11-13 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ezo zipho ke uDavide wazinikezela kuNdikhoyo, kwanjengoko wenjenjalo ngesiliva negolide awayeyithimbe kuzo zonke ezi zizwe: amaEdom, amaMowabhi, ama-Amon, amaFilistiya, nama-Amaleki.

12. Ke uAbhishayi unyana kaZeruya wabulala ishumi elinesibhozo lamawaka amaEdom kwiNtlambo yeTyuwa.

13. Wamisa amabutho akhe e-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.

1 Yeziganeko 18