1 Yeziganeko 16:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ngaloo mini ke uDavide wanikela lo mhobe wokubulela *uNdikhoyo kuAsafu namahlakani akhe:

8. Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.

9. Mombeleleni, mbongeni,zixeleni izintw' ezimangalisayo asenzele zona!

10. Qhayisani ngegama lakhe elilodwa;mabachwayite abo bamnqulayo uNdikhoyo!

11. Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

12. Ze nizikhumbule izinto asenzele zona:imimiselo ayenzileyo, nemithetho ayiwisileyo.

13. Nina niyinzala yesicaka sakhe uSirayeli,nilusapho lukaYakobi umnyulwa wakhe.

14. UThixo wethu nguNdikhoyo;yeyehlabathi lonke imithetho yakhe.

15. Akasokuwulibala naphakade umnqophiso wakhe,awawenzela izizukulwana ngezizukulwana.

16. Ndixel' umnqophiso awawenza noAbraham,kwanesifungo asenze kuIsake.

1 Yeziganeko 16