15. AbaLevi bayithwala ityesi kaThixo, beyiphethe ngezibonda, beyixwaye emagxeni ngokomyalelo kaMosis awawenza ngokwelizwi likaNdikhoyo.
16. UDavide wayalela izikhulu zabaLevi, wathi mazimise abanye kumawabo babe ziimvumi, bamemelele becula iingoma bekhatshwa zizikhalisi: imirhubhe, iihapu, namacangci.
17. Ngoko ke abaLevi banyula uHeman unyana kaJoweli, nakubantakwabo uAsafu unyana kaBherekiya, baza kubantakwabo oonyana bakaMerari banyula uEtan unyana kaKushaya,
18. kunye nabantakwabo abanezikhundla ezinganeno: uZekariya, uYaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uBhenaya, uMaseya, uMatitiya, uElifele, uMikeneya, uObhedi-edom, noYehiyeli, abagcini-masango.
19. Ke zona iimvumi, uHeman, uAsafu, noEtan, babeza kukhalisa amacangci obhedu.
20. Aba babeza kukhalisa iihapu ezilizwi liyisoprano: uZakariya, uHaziyeli, uShemiramoti, uYehiyeli, u-Uni, uEliyabhi, uMaseya, noBhenaya,