18. Ke uMoya wehla phezu koAmasayi ingqwayi-ngqwayi yaloo mashumi mathathu, waza wathi:“Thina singabakho, Davide!Singabakho, mfo kaJese!Makube yimpumelelo kuwe,baphumelele nabo bakuxhasayo,kuba uThixo wakho uza kukunceda!”Ngoko ke uDavide wawamkela, wawenza iingqwayi-ngqwayi zamabutho okuhlasela.
19. Namanye kumadoda akwaManase awelela kuDavide xa wayekunye namaFilistiya, besilwa noSawule. Kambe ke yena naloo madoda akhe zange bade bawancedise amaFilistiya lawo, kuba athi akuba ethetha-thethene, umlawuli wawo wamgxotha, esithi: “Le nto ingangumngcipheko kwakuthi – hleze asuke akreqe kuthi, axhase inkosi yakhe uSawule.”
20. Ke ekuyeni kwakhe eZikelage, nanga amaManase azibandakanya noDavide: uAdena, uYozabhadi, uYediyali, uMikayeli, uJozabhadi, uElihu, noZiletayi, iingqwayi-ngqwayi zamabutho akwaManase.
21. UDavide amnceda kumabutho ahlaselayo. Kaloku onke ayengoompondo-zihlanjiwe, eziingqwayi-ngqwayi emkhosini wakhe.
22. Amadoda aphikela ukuwelela kuDavide mihla le, wada ke wanomkhosikazi owomeleleyo.
23. La ngamanani amadoda omkhosi awazibandakanya noDavide eHebron, ukuze umbuso kaSawule awubhukuqe uwele kuDavide ngokomlomo *kaNdikhoyo:
24. awakwaJuda, iinto eziqule zaligangatha, zixhobe ngomkhonto nekhaka, yayingamawaka amathandathu namakhulu asibhozo;
25. awakwaSimon, iinto eziqule zaligangatha, zilindele umayenzeke, yayingamawaka asixhenxe nekhulu;
26. awakwaLevi, ingamawaka amane namakhulu amathandathu,
27. ekunye noJoyada intloko yendlu ka-Aron, kunye namadoda angamawaka amathathu namakhulu asixhenxe,
28. noZadoki igorha lomfana, namagosa endlu yakowabo angamashumi amabini anesibini;
29. awakwaBhenjamin kuloSawule, ayengamawaka amathathu, awayesoloko engakuSawule ukuza kuthi gaa ngelo thuba;
30. awakwaEfrayim, amagorha aziwayo nakowawo, yayingamashumi amabini amawaka namakhulu asibhozo;
31. awesiqingatha sikaManase, awayekhutshelwe ukuza kumisela uDavide ukuba abe ngukumkani, yayilishumi elinesibhozo lamawaka;
32. awakwaIsakare, izinto ezaziwaqonda amaxesha, ziyazi into afanele ukuyenza uSirayeli, yayiziinkokheli ezimakhulu mabini, zikunye nezizalwana zazo ezaziphantsi kolawulo lwazo;
33. awakwaZebhulon, oomakad' enetha bamajoni, izinto ezichophele imfazwe, zilungele nasiphi na isixhobo, zizimisele ukunceda uDavide zingenakumbi, yayingamashumi amahlanu amawaka;