17. UDavide wanxanwa, waza wathi: “Akwaba bekungakho mntu undiphathela amanzi kwelaa qula lingasesangweni eBhetelehem.”
18. Loo magorha mathathu ke atyhoboza apho kuloo maFilistiya, aya kukha amanzi apho kwelo qula lingasesangweni leBhetelehem, abuya nawo, awanika uDavide. Kambe ke uDavide wala ukuwasela, ndaweni yaloo nto wawachitha, esenza umnikelo ngawo kuNdikhoyo, esithi:
19. “Hayi khona, uThixo makandithintele; soze ndiyenze into enjalo! Ndingaba ndisela igazi lala madoda awakhe ngokubeka ubomi bawo esichengeni sokufa. Ewe, ngokuhamba aye kuwakha aphinde abuye nawo, abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi.Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.
20. UAbhishayi umntakwabo-Jowabhi yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu.
21. Waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywa kuloo magorha mathathu.