10. Nazi iintloko zamagorha omkhosi kaDavide. Wona ke ekunye namaSirayeli ephela awuxhasa awomeleza umbuso wakhe wada wanabela kulo lonke elo lizwe ngokwesithembiso *sikaNdikhoyo.
11. Ewe, nalu uludwe lwamagorha kaDavide:UJashobham umHakimoni wayeyintloko yamagorha angamashumi amathathu. Walwa namakhulu amathathu amadoda eyedwa, wawabulala onke ngomkhonto wakhe kwidabi elinye.
12. Olandelayo nguElazare, unyana kaDodo umAhoyi, engomnye wamagorha amathathu.
13. Yena wayekunye noDavide ePasi-damimi mhla ngedabi, amaFilistiya ehlanganisene khona. Ndaweni ithile apho kwakukho intsimi ezele yirhasi, umkhosi waswantsuliswa ngamaFilistiya.
14. Kambe ke uElazare namadoda akhe bema baqingqa apho phakathi kuloo ntsimi. Ewe, bahlanganisa babetha kwajub' ugodo kumaFilistiya, waza uNdikhoyo waba ngotshatsheleyo.