1 Kwabasekorinte 9:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Andibi kanene ndikhululekile? Ndiba niyaqonda ukuba ndithunyiwe, *ndingumthunywa. Andibi kanene ndambona uYesu iNkosi yethu? Andibi kanene nina nisisiqhamo somsebenzi endiwenzela iNkosi?

2. Ndiqinisekile nokuba abanye bathi andingomthunywa, ndinguye kuni. Kaloku ukumanyana kwenu neNkosi ngumqondiso wokuba ndithunywe yiyo.

3. Ke ukuziphendulela kwabo bandigxekayo ndenjenje:

4. Ngaba andinalo mna ilungelo lokuba nditye ndisele?

5. Ngaba andinalo mna ilungelo njengabanye abathunywa, abantakwabeNkosi, noPetros, lokuba ndibe nenkosikazi engumKrestu, ndijikeleze nayo?

1 Kwabasekorinte 9