3. Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.
4. Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali.
5. Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo.
6. Uthando aluvuyiswa bububi, luvuyiswa yinyaniso.
7. Uthando aluncami; lukholwa zizinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.
8. Uthando alupheli. Zikho zona iintshumayelo ezinefuthe, kodwa ziyatshitsha. Zikho neziphiwo zokuthetha iilwimi, kodwa nazo ziyabhanga. Kukwakho nokwazi, kodwa kuyadlula nako.