1 Kwabasekorinte 1:14-18 Ibhayibhile (XHO96)

14. Ndiyambulela uThixo kuba ndingabhaptizanga namnye kuni ngaphandle kukaKrispo noGayo,

15. ukuze kungabikho mntu uthi ndabhaptiza egameni lam.

16. Gxebe, ndabhaptiza noStefano nendlu yakhe. Ngaphandle kwabo ke, andikhumbuli ukuba ndabhaptiza wumbi.

17. Kakade uKrestu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezimnandi, kungabi ngabuciko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKrestu ungalanjathiswa.

18. Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo.

1 Kwabasekorinte 1