1 Kutimoti 6:13-16 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ngoku ke ndiyakugunyazisa phambi koThixo umniki bomi kuzo zonke izinto, naphambi koYesu Krestu, owenza isivumo wangqina phambi koPontiyo Pilato.

14. Wuthobele umyalelo, uwuphathe nyulu ungenabala, kude kube yiMini yokubonakala kweNkosi yethu uYesu Krestu.

15. Le mbonakalo uThixo uya kuyizalisekisa ngexesha lakhe elifanelekileyo – ewe, uThixo ingangamsha yengangalala elawula konke, iKumkani yeekumkani, iNkosi yamakhosi!

16. Nguye yedwa ongasoze afe; uhlala kubuqaqawuli obungafikelelwayo. Akukho mntu wakha wambona nonokuze ambone. Kuye makubekho isidima nobungangamsha ngoku kude kube ngunaphakade! *Amen.

1 Kutimoti 6