1 Kutimoti 6:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. Bonke abantu abaphantsi kwedyokhwe yobucaka mababahloniphe ngokupheleleyo abaphathi babo, ukuze igama likaThixo kunye nemfundiso yobuKrestu zingajongelwa phantsi.

2. Naxa abaphathi bengamakholwa, izicaka mazingabadeli kuba bekholwa kunye. Ndaweni yaloo nto mazithembeke ngakumbi, kuba kaloku abo zibasebenzelayo banye kunye nazo elukholweni naseluthandweni.Shumayela ufundise ngale mibandela.

1 Kutimoti 6