1 Kutimoti 1:9-12 Ibhayibhile (XHO96)

9. Masikhumbule ke kodwa ukuba umthetho awenzelwa bantu balungileyo. Umthetho wenzelwa izaphula-mthetho, nezikrelemnqa, abangcolileyo, nabonayo, abanganquliyo, nabakhohlakeleyo, abo babulala ooyise noonina, izigwinta,

10. nabarheletyayo, abalalana befana ngobuni, abaqweqwedisi, amaxoki, nabafunga bexoka, naye nabani na owenza into echasene nemfundiso yokwenene.

11. Loo mfundiso ke ifumaneka kwezi ndaba zimnandi ndazinikelwayo ukuba ndizivakalise – uncuthu lweendaba zikaThixo onobungangamsha omakadunyiswe.

12. Ndiyambulela uKrestu Yesu iNkosi yam, ngokundinika amandla okuwenza umsebenzi wam. Ndiyambulela kuba endibone ndifanelekile ukuba ndimiselwe ukumsebenzela.

1 Kutimoti 1