1 Kutimoti 1:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kubhala mna Pawulos *umthunywa kaYesu Krestu ngokugunyaziswa nguThixo uMsindisi wethu, noKrestu Yesu ithemba lethu.

2. Ndibhalela uTimoti, unyana wam wenene ngokwaselukholweni. Ndithi: Kuwe makulawule isisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uBawo, noKrestu Yesu iNkosi yethu.

3. Njengoko ndakuyalelayo ukuya kwam eMakedoni, nceda uhlale apho e-Efese. Kaloku kukho abantu abaneemfundiso zolahlekiso apho, ngoko ke banqande.

1 Kutimoti 1