5. Akukho mntu unokuloyisa ihlabathi ngaphandle kwalowo ukholwayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo.
6. Ebomini bukaYesu kwaqaqamba amanzi negazi. Kambe ke asingomanzi odwa, koko ngamanzi negazi. UMoya ngokwakhe uyayingqina le nyaniso; kaloku uMoya ngumthombo wenyaniso.
7. Ke amangqina mathathu,
8. ayangqinelana: uMoya, amanzi, negazi.
9. Obu ke bubungqina obuvela kuThixo ngoNyana wakhe, ibe ke buthembekile. Kambe ke thina siyabamkela nobungqina babantu.
10. Okholwayo kuNyana kaThixo nentliziyo yakhe iyangqina; kambe ke yena ongakholwayo kuThixo, umenza ixoki ngokungabamkeli ubungqina obuvela kuThixo ngoNyana wakhe.
11. Nabu ke obo bungqina: bukukuba uThixo usinike ubomi obungenasiphelo, bomi obo sibuzuza ngokumanywa noNyana.
12. Umntu omfumeneyo uNyana, ubufumene ubomi; kanti ke yena ongekamfumani uNyana kaThixo, akanabo ubomi.
13. Ndibhala nje ndifuna niqonde, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuba ninobomi obungenasiphelo.