13. Bahlobo bam, sanukumangaliswa xa abantu beli hlabathi benithiyile.
14. Kaloku thina siphumile ekufeni sangena ebomini. Loo nto ke icaciswa kukuba siyawathanda amawethu. Umntu ongenalo uthando usantyumpantyumpeka ekufeni.
15. Nabani na ke omthiyileyo uwabo sisigwinta, ibe ke niyazi ukuba akukho sigwinta sinabo ubomi obungunaphakade.
16. Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu.
17. Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?