1. Ke kaloku uthe uSamweli akwaluphala wamisela oonyana bakhe baba ziinkokheli zamaSirayeli.
2. Unyana omkhulu wayenguJoweli, omncinci inguAbhiya. Babeziinkokheli eBheshebha.
3. Kambe ke bona babengamfuzanga uyise; bona babesemva kwenzuzo ngobuqhetseba, bengamathanda-kunyotywa, belamla ngesheyi.
4. Amadoda amakhulu ke akwaSirayeli aqokelelana, aya kutsho eRama kuSamweli,