1 Kasamweli 24:11-15 Ibhayibhile (XHO96)

11. Bawo, khangela, nali isondo lesambatho sakho esandleni sam! Ngendikucim' igama, koko ndisuke nje ndasika le ndawo engubeni yakho. Yazi ke ngoku uqonde ukuba mna andikhange ndafuna kukuvukela okanye kukwenzakalisa. Nguwe ozingela mna, ufuna ukundibulala, naxa ndingakwenzanga nto imbi.

12. Wanga ke uNdikhoyo angahlula phakathi kwam nawe. Ubenga angandiphindezela ngenxa yobubi ondenzele bona. Mna andingekhe ndikuse sandla.

13. Kaloku sitsho njalo isaci samandulo ukuthi: ‘Inkohlakalo iphuma kwabakhohlakeleyo.’ Ke mna andiyi kukusa sandla konke.

14. Ngaba úyayiqonda yona le nto ayileqayo ukumkani wamaSirayeli? Yintoni le ayisukelayo? Ngaba usukela inja efileyo okanye intakumba enye?

15. Hayi, makahlule uNdikhoyo, kucace ukuba ngubani owonileyo phakathi kwam nawe. Makayigqale imeko yam, andigwebele, ancede andihlangule kuwe!”

1 Kasamweli 24