1 Kasamweli 22:22-23 Ibhayibhile (XHO96)

22. Wathi uDavide kuAbhiyatare: “Ndaqonda kakuhle ndakumbona uDowegi phaya eNobhi ukuba akanakuze angamxeleli uSawule. Ndim obabeke esichengeni abantu bakuni.

23. Seluhlala apha kunye nam, ungaxhali; akukho nto iya kukuthi cha apha. Lowo uzungula ubomi bakho uzungula nobam.”

1 Kasamweli 22