1. Emva koko wemka eGati uDavide, ebalekela kumqolomba ongaseAdulam. Abantakwabo nendlu yonke kayise baya kugaleleka apho bakuba bevile ngomkhondo wakhe.
2. Kwakudla ngokuya kuye abantu ababandezelekileyo, nabaneengxaki zamatyala, nabanganelisekanga, waba yinkokheli yabo. Amadoda anaye ayemalunga namakhulu amane ewonke.
3. Wesuka apho uDavide, waya kwelaseMowabhi eMizpa, wabhekisa kukumkani walapho wenjenje: “Mhlekazi, ubawo nomama ndibacelela indawo apha kuwe, ndide ndiqonde ukuba uThixo iinjongo zakhe ziyintoni na ngam.”