1 Kasamweli 21:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. UDavide wamphendula umbingeleli wathi kuye: “Inene, asidibani nabantu ababhinqileyo xa sihambela umcimbi, nokuba ngongephi, andithethi ke xa kungumcimbi omkhulu njengalo siwuphetheyo.”

6. Umbingeleli ke wamnika uDavide eso sonka singcwalisiweyo, kuba kwakungekho sonka simbi ngaphandle kweso sasinikelwe kuNdikhoyo. Sasisesisusiwe esibingelelweni, sekubekwe esitsha.

7. UDowegi wase-Edom, induna yabelusi bakaSawule, wayekho apho ngaloo mini, ehlaliswe endlwini kaNdikhoyo.

8. UDavide wabuza uAhimeleki wathi: “Akunamkhonto na okanye ikrele apha? Udaba lukakumkani lwalungxamisekile kangangokuba andizange ndifumane thuba lakuthatha sixhobo konke.”

1 Kasamweli 21