30. Wavutha ngumsindo uSawule akuyiva le ntetho kaJonatan, wathi: “Yini le, gqubushandini lomvukeli! Uba andikuqondi ukuba ukhetha icala likaDavide unyana kaJese? Phofu uzihlaza wena kunye naloo nyoko wakuzalayo.
31. Wena kunye nobukumkani bakho akusoze uzinze esaphila unyana kaJese. Yiza naye apha ke ngoku – ndimfuna efile!”
32. UJonatan ubuze kuyise wenjenje: “Uza kubulawelwa ntoni? Wenze tyala lini?”
33. Kweso sithuba uSawule wajula umkhonto, efuna ukumbulala uJonatan. Waqonda mhlophe ke uJonatan ukuba uyise uzimisele mpela ukumcim' igama uDavide.
34. Wemka kuloo tafile efutha ngumsindo uJonatan. Akasa nasuntswana eli emlonyeni ngaloo mini yesibini yetheko. Wayebuhlungu yindlela ekrwada uyise amphathe ngayo uDavide.