1 Kasamweli 18:28-30 Ibhayibhile (XHO96)

28. Waqonda kakuhle ngoku uSawule ukuba *uNdikhoyo ukunye noDavide. Nayo intombi yakhe uMikali yayimthanda uDavide.

29. USawule wamoyika ngakumbi uDavide, waba lutshaba kuye bonke ubomi bakhe.

30. Iinkokheli zamaFilistiya zazimana ukuwahlasela amaSirayeli. Kuwo onke loo madabi uDavide wayetshatshela ukudlula zonke ezinye iinkokheli eziphantsi koSawule. Ngenxa yaloo nto ke igama likaDavide laba nodumo.

1 Kasamweli 18