1 Kasamweli 15:13-19 Ibhayibhile (XHO96)

13. Walanda ekhondweni uSamweli, wada wamfumana, uSawule wathi: “Makakuthamsanqele uNdikhoyo, Samweli! Ndiwufezile umyalelo kaNdikhoyo!”

14. “Xa kunjalo, kokwantoni oku kukhala kweegusha ndikuvayo kunye nokunxakama kweenkomo?” ubuzile uSamweli.

15. Uthe uSawule ukuphendula: “Zezithinjwe ngamadoda omkhosi wam kuma-Amaleki. Zonke ezinye bazitshabalalisile; bagcina nje ezona zintle, ukuze bamenzele amadini ngazo uNdikhoyo uThixo wakho.”

16. “Khawume ke,” utshilo uSamweli, “ndikhe ndikuxelele ukuba utheni na kum uNdikhoyo phezolo.”“Ndixelele,” watsho uSawule.

17. USamweli wathi: “Naxa wena wawuzibona uphantsi, kodwa wenziwa intloko yezizwe zakwaSirayeli. Wathanjiswa nguNdikhoyo ukuba ube ngukumkani wamaSirayeli,

18. waza wakuyalela ukuba uye kutshabalalisa eziya zikhohlakali zama-Amaleki. Wakuxelela ukuba uze ulwe uwatshayele ade aphele onke kuthi tu.

19. Ke kutheni ungamthobelanga nje uNdikhoyo? Wenze into embi phambi koNdikhoyo ngokungxamela ukuthatha amaxhoba.”

1 Kasamweli 15