7. “Yenza ngokubona kwakho. Mna ndikwelo ulithethayo, naliphi na,” utshilo umfana.
8. “Kulungile ke,” kutsho uJonatan. “Masiwele siye kuwo amaFilistiya, aze asibone.
9. Xa athe: ‘Yimani side size kuni,’ siya kuma kuloo ndawo sikuyo, singayi kuwo.
10. Kodwa ke xa athe: ‘Nyukani nize kuthi,’ siya kunyuka, kuba lowo ngumqondiso wokuba uNdikhoyo uwanikele esandleni sethu.”
11. Baziveza ke kwikampana yamaFilistiya, aza wona akubabona athi: “Tyhini, nangaya amaSirayeli ephuma kulaa mihadi ebezimele kuyo!”
12. Atsho akhweba uJonatan kunye nalaa mfana umphathela izikrweqe, esithi: “Yizan' apha, sinifundise isifundo!”Uthe uJonatan kuloo mfana: “Ndilandele sinyuke; uNdikhoyo uwanikele esandleni samaSirayeli.”
13. UJonatan wenyuka iliwa ekhasa, elandelwa nguloo mfana, baya kuphumela. Wawahlasela amaFilistiya uJonatan, kujuba ugodo nje, umfana egqibezela awileyo.