4. Kuloo ngxingwa yaseMikimashe, le wayeza kuphumelela kuyo uJonatan xa awelela kwikampana yamaFilistiya, kwakukho amawa amabini, eziingqajolo, ephahle loo ngxingwa. Kwakusithiwa nguBhozeze elinye ukubizwa kwalo, elinye kusithiwa nguSene.
5. Elinye lalikwicala langasentla, lijonge eMikimashe, elinye lingasezantsi, lijonge eGebha.
6. Ubuye wathi uJonatan kuloo mfana umphathela izikrweqe: “Masiwelele kulaa kampana yeziya ntlanga zingalukiyo. Mhlawumbi angakwicala lethu uNdikhoyo. Akukho nto inokumthintela uNdikhoyo ukuba angahlanguli, nditsho nokuba sibaninzi, nokuba simbalwa.”
7. “Yenza ngokubona kwakho. Mna ndikwelo ulithethayo, naliphi na,” utshilo umfana.
8. “Kulungile ke,” kutsho uJonatan. “Masiwele siye kuwo amaFilistiya, aze asibone.