1 Kasamweli 10:4-8 Ibhayibhile (XHO96)

4. Loo madoda aya kukubulisa, akunike izonka ezibini, oya kuthi wena uzithathe.

5. Emva koko uya kufika kulaa nduli kaThixo iseGibheya, apho amaFilistiya anekampu yamajoni. Ekungeneni kwakho edolophini apho wohlangana nomgcelele *wabashumayeli, bevela endulini apho, behamba bebetha iihapu, amagubu, iimpempe, neekatala, beshumayela besemoyeni.

6. Nawe ke uya kungenwa nguMoya kaNdikhoyo ngamandla, utsho ungenelele kuloo ntshumayelo nakuloo ntsholo yabo, ube mntu wumbi.

7. Yakuba le miqondiso izalisekile uze wenze oko kusemandleni akho, kuba uThixo unawe.

8. Uya kundandulela ukuya eGiligali. Nakanjani ndiya kufika, senzele khona uNdikhoyo amadini atshiswayo nawobudlelane. Uze undilinde apho iintsuku ezisixhenxe, ndide ndifike, ndikuyalele into omawuyenze.”

1 Kasamweli 10