1 Kasamweli 10:16-22 Ibhayibhile (XHO96)

16. “Usixelele ukuba iidonki zifunyenwe.” NguSawule ke otshoyo; phofu akachaza nto kuyisekazi ngentetho kaSamweli ngombandela wokuba ngukumkani.

17. Ke kaloku uSamweli wabiza abantu bakwaSirayeli ukuya *kwaNdikhoyo eMizpa.

18. Wabhekisa kubo wathi: “Utsho uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Ndim owakhupha amaSirayeli eJiputa, ndawahlangula kwingcinezelo yamaJiputa nezinye iikumkani.’

19. Kodwa ngoku nimfulathele uThixo wenu onihlangulayo kuzo zonke iinkxwaleko neenzingo, naza nathi: ‘Simisele ikumkani isilawule.’ Ngoko ke, dwelani apha phambi koNdikhoyo ngokwezizwe zenu neziduko zenu.”

20. Akuba uSamweli ezisondezile zonke izizwe zakwaSirayeli uNdikhoyo watyumba isizwe sakwaBhenjamin.

21. Waza uSamweli wasondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokweziduko zaso, kwaza kwatyunjwa indlu kaMatri, kuyo kwatyunjwa uSawule unyana kaKishe. Bamkhangela kodwa ababi nakumfumana.

22. Baza babuza kuNdikhoyo bathi: “Ngaba selefikile na?”UNdikhoyo wathi: “Ewe, nankuya ezimele phaya emva kwemithwalo.”

1 Kasamweli 10