1 Kasamweli 1:19-22 Ibhayibhile (XHO96)

19. Usapho lukaElikana lwavuka kwangentseni. Baya kunqula *uNdikhoyo, emva koko banduluka ukubuyela kokwabo eRama. Ke uElikana wahlangana noHana umkakhe. Weviwa nguNdikhoyo umthandazo wakhe.

20. Wakhawula, wazala inkwenkwe unyaka ungekapheli. Wathi: “Igama layo nguSamweli; kaloku ndayicela kuNdikhoyo.”

21. UElikana ubuye waya nosapho lwakhe eShilo ukuya kunikela kuNdikhoyo idini lonyaka kunye nelesithembiso.

22. UHana wasala ekhaya. Wathi kumyeni wakhe: “Ndakululumla usana lwam, ndolusa endlwini kaNdikhoyo, luhlale phambi kwakhe ubomi balo bonke.”

1 Kasamweli 1